19. Intokazi yathabatha isigqubuthelo, yasitwabulula emlonyeni wequla elo, yaneka phezu kwaso irhasi engqushiweyo; àyaziwa ke loo nto.
20. Bafika abakhonzi baka-Abhisalom kuloo ntokazi endlwini, bathi, Baphi na ooAhimahatse noYonatan? Yathi loo ntokazi kubo, Bawelé umlanjana lo unamanzi. Bafuna ke, ababafumana; babuyela eYerusalem.
21. Kwathi emva kokumka kwabo, baphuma equleni, baya bamxelela ukumkani uDavide; bathi kuDavide, Sukani niwele kamsinya emanzini; ngokuba wenjenje uAhitofele ukubapha icebo ngani.
22. Wesuka ke uDavide nabantu bonke anabo, bayiwela iYordan; kwathi kusasa kwabe kungasekho namnye ungayiwelanga iYordan.
23. Ebonile uAhitofele ukuba akwenziwanga ngelakhe icebo, wabopha iesile, wesuka, wagoduka, waya emzini wakhe, wayolela, wazikrwitsha wafa; wangcwatyelwa engcwabeni likayise.
24. UDavide wafika eMahanayim; uAbhisalom wayiwela iYordan, yena namadoda onke akwaSirayeli kunye naye.
25. UAbhisalom wammisa uAmasa esikhundleni sikaYowabhi phezu komkhosi. Ke uAmasa ebengunyana wendoda egama linguItra, engumYizereli, eyangena kuAbhigali intombi kaNahashe, udade boTseruya, unina boYowabhi.
26. AmaSirayeli noAbhisalom bamisa ezweni laseGiliyadi.
27. Kwathi, akufika uDavide eMahanayim, uShobhi unyana kaNahashe, waseRabha yakoonyana baka-Amon, noMakire unyana ka-Amiyeli, waseLo-debhare, noBharzilayi, waseGiliyadi waseRogelim,
28. bazisa iinkuko, nezitya, nemiphanda, nengqolowa, nerhasi, nomgubo, namakhweba neembotyi, neentlumaya,
29. nezinye izinto ezigcadiweyo, nobusi, namasi, nempahla emfutshane, nezonka zamasi enkomo, kuDavide nabantu abenabo, ukuze badle; kuba babesithi, Abantu balambile, batyhafile, banxaniwe entlango.