UAbhisalom wammisa uAmasa esikhundleni sikaYowabhi phezu komkhosi. Ke uAmasa ebengunyana wendoda egama linguItra, engumYizereli, eyangena kuAbhigali intombi kaNahashe, udade boTseruya, unina boYowabhi.