2 Usamuweli 17:10-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. athi nomfo onobukroti, ontliziyo injengentliziyo yengonyama, anyibilike kuphele. Ngokuba onke amaSirayeli ayazi ukuba uyihlo ligorha, abo banaye ngamakroti.

11. Ndithi elam icebo, makahlanganiswe, ahlanganiselwe kuwe, onke amaSirayeli, athabathele kwaDan ese eBher-sheba, abe njengentlabathi engaselwandle ubuninzi, uye emfazweni ngesiqu.

12. Sòfika ke kuye endaweni, apho afumaneke khona, sithi qatha phezu kwakhe, njengokulala kombethe emhlabeni, kungasali namnye kuye nakumadoda onke anaye.

13. Ke ukuba úthe warholela emzini, onke amaSirayeli ozisa izintya kuloo mzi, siwukrwiqilizele emlanjeneni, kude kungafumaneki nelityana khona.

14. Wathi uAbhisalom namadoda onke akwaSirayeli, Icebo likaHushayi umArki lilungile kunecebo lika-Ahitofele. UYehova wayemise ukuba litshitshiswe icebo elilungileyo lika-Ahitofele, ukuze uYehova amzisele ububi uAbhisalom.

15. Wathi uHushayi kuTsadoki nakuAbhiyatare ababingeleli, Wenjenje, wenjenje uAhitofele ukumpha icebo uAbhisalom namadoda amakhulu akwaSirayeli; ke mna ndenjenje, ndenjenje ukubapha icebo.

16. Thumelani ke ngoko kamsinya, nimxelele uDavide, nithi, Musa ukulala ngobu busuku emazibukweni entlango; khawuleza uwele, hleze aginywe ukumkani nabantu bonke anabo.

17. Ke kaloku uYonatan noAhimahatse babemi e-En-rogele; waye umkhonzazana emana ukubaxelela; baya ke bona baxelela ukumkani uDavide; ngokuba babengenakuya besiza phakathi komzi ekuhléni.

18. Umfana wababona, waxelela uAbhisalom. Bobabini ke basaba ngokukhawuleza, bafika endlwini yendoda eBhahurim ebinequla entendelezweni yayo, behla, behlela khona apho.

19. Intokazi yathabatha isigqubuthelo, yasitwabulula emlonyeni wequla elo, yaneka phezu kwaso irhasi engqushiweyo; àyaziwa ke loo nto.

20. Bafika abakhonzi baka-Abhisalom kuloo ntokazi endlwini, bathi, Baphi na ooAhimahatse noYonatan? Yathi loo ntokazi kubo, Bawelé umlanjana lo unamanzi. Bafuna ke, ababafumana; babuyela eYerusalem.

21. Kwathi emva kokumka kwabo, baphuma equleni, baya bamxelela ukumkani uDavide; bathi kuDavide, Sukani niwele kamsinya emanzini; ngokuba wenjenje uAhitofele ukubapha icebo ngani.

22. Wesuka ke uDavide nabantu bonke anabo, bayiwela iYordan; kwathi kusasa kwabe kungasekho namnye ungayiwelanga iYordan.

23. Ebonile uAhitofele ukuba akwenziwanga ngelakhe icebo, wabopha iesile, wesuka, wagoduka, waya emzini wakhe, wayolela, wazikrwitsha wafa; wangcwatyelwa engcwabeni likayise.

24. UDavide wafika eMahanayim; uAbhisalom wayiwela iYordan, yena namadoda onke akwaSirayeli kunye naye.

25. UAbhisalom wammisa uAmasa esikhundleni sikaYowabhi phezu komkhosi. Ke uAmasa ebengunyana wendoda egama linguItra, engumYizereli, eyangena kuAbhigali intombi kaNahashe, udade boTseruya, unina boYowabhi.

26. AmaSirayeli noAbhisalom bamisa ezweni laseGiliyadi.

2 Usamuweli 17