1. UDavide egqithile kancinane encotsheni yenduli, nanko uTsibha, umfana wakwaMefibhoshete, emkhawulela, enamaesile amabini ebotshiwe, ebekwe izonka ezimakhulu mabini, nekhulu lezicumba zeerasintyisi, nekhulu leziqhamo zasehlotyeni, nentsuba yewayini.
2. Wathi ukumkani kuTsibha, Ùthini na ngezi zinto? Wathi uTsibha, Amaesile ngawokukhwela abendlu yokumkani, izonka neziqhamo zasehlotyeni zezokudliwa ngamadodana; iwayini yeyokuba basele abatyhafileyo entlango.
3. Wathi ukumkani, Uphi na unyana wenkosi yakho? Wathi uTsibha kukumkani, Nankuya, ehleli eYerusalem; ngokuba úthi, Namhla indlu yakwaSirayeli iya kububuyisela kum ubukumkani bukabawo.
4. Wathi ukumkani kuTsibha, Nanko, kukokwakho konke okukaMefibhoshete. Wathi uTsibha, Ndiyaqubuda; mandibabalwe nguwe, nkosi yam kumkani.
5. Wafika ukumkani uDavide eBhahurim, nanko, kuphuma khona indoda yomzalwane wendlu kaSawule, egama linguShimehi, unyana kaGera; yaphuma yahamba itshabhisa.
6. Yamxuluba ngamatye uDavide, nabakhonzi bonke bokumkani uDavide; bonke abantu namagorha onke babengasekunene nangasekhohlo kuye.
7. Wathi uShimehi ukutshabhisa kwakhe, Phuma, phuma, mfondini wamagazi, mfondini ulitshijolo;
8. uYehova uwabuyisele phezu kwakho onke amagazi endlu kaSawule, othe wena wangukumkani esikhundleni sakhe; uYehova ubunikele ubukumkani esandleni sika-Abhisalom, unyana wakho. Yabona, weyelé ebubini bakho, ngokuba ungumfo wamagazi.
9. Wathi ke uAbhishayi unyana kaTseruya kukumkani, Kungani na ukuba le nja ifileyo iyitshabhise inkosi yam ukumkani? Makhe ndiwele, ndiyinqumle intloko.