2 Usamuweli 14:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wazi uYowabhi unyana kaTseruya, ukuba intliziyo yokumkani ibheke kuAbhisalom,

2. uYowabhi wathumela ke eTekowa, wathabatha khona inkazana elumkileyo, wathi kuyo, Khawuzenze ozilileyo, khawunxibe iingubo zokuzila, ungazithambisi ngeoli; yiba njengenkazana le imenzela ofileyo izila imihla emininzi;

3. uye kukumkani, uthethe kuye wenjenje. UYowabhi wafaka amazwi emlonyeni wayo.

4. Yathetha inkazana yaseTekowa kukumkani, yawa ngobuso emhlabeni, yaqubuda, yathi, Sindisa, kumkani.

5. Ukumkani wathi kuyo, Ùnandawoni na?Yathi, Hayi, ndingumhlolokazi; indoda yam ifile.

6. Umkhonzazana wakho ebenoonyana ababini; balwa bobabini endle, akwabakho mhlanguli phakathi kwabo; omnye watsho komnye, wambulala.

7. Ke kaloku, nanku, wonke umzalwane usukele phezulu komkhonzazana wakho, usithi, Sinike umbulali womzalwana wakhe, simbulale, ngenxa yomphefumlo womzalwana wakhe ambuleleyo, sitshabalalise nendlamafa; ukuze bacime ilahle lam eliseleyo, bangayisaliseli indoda yam igama nempunde emhlabeni.

8. Wathi ukumkani kwinkazana leyo, Yiya endlwini yakho, mna ndiya kuwuwisa umthetho ngenxa yakho.

9. Inkazana yaseTekowa yathi kukumkani, Nkosi yam, kumkani, mabube phezu kwam, naphezu kwendlu kabawo, obo bugwenxa; makabe msulwa yena ukumkani netrone yakhe.

10. Wathi ukumkani, Othetha into kuwe, mzise kum; akasayi kuphinda akuchukumise.

11. Yathi, Ukumkani makhe amkhumbule uYehova uThixo wakhe, ukuze umphindezeli wegazi angakwandisi ukonakalisa, bangamtshabalalisi unyana wam. Wathi ke yena, Ehleli nje uYehova, akuyi kuwa nalunye unwele lonyana wakho emhlabeni.

12. Yathi inkazana, Makhe athethe ilizwi umkhonzazana wakho enkosini yam ukumkani.

13. Wathi yena, Thetha. Yathi inkazana leyo, Yini na ke ukuba ucinge into enjalo ngabantu bakaThixo? Ngokulithetha eli lizwi, ukumkani unjengonetyala, engambuyisi nje ukumkani umgxothwa wakhe.

2 Usamuweli 14