2 Usamuweli 13:23-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Kwathi, emva kweminyaka emibini, kwabakho abachebi kuAbhisalom eBhahali-hatsore kwaEfrayim. UAbhisalom wamema bonke oonyana bokumkani.

24. Weza uAbhisalom, wathi kukumkani, Uyabona, naba abachebi kumkhonzi wakho; ukumkani nabakhonzi bakhe mabahambe nomkhonzi wakho.

25. Ukumkani wathi kuAbhisalom, Musa, nyana wam; masingayi sonke sibe ngumthwalo kuwe. Wamzama; akavuma ukuya, kodwa wamsikelela.

26. Wathi uAbhisalom, Ukuba akuyi wena, makakhe ahambe nathi uAmnon, umkhuluwa wam. Wathi ukumkani kuye, Ahambeleni na nawe?

27. UAbhisalom wamzama; wavuma ukuba uAmnon ahambe naye, noonyana bonke bokumkani.

28. UAbhisalom wawawisela umthetho amadodana akwakhe, wathi, Khanikhangele, xa ithe intliziyo ka-Amnon yamnandi yiwayini, ndaza ndathi kuni, Mbetheni uAmnon, nombulala. Musani ukoyika; àniwiselwe ndim na umthetho?

29. Yomelelani nibe ngamakroti. Enza ke amadodana ka-Abhisalom kuAmnon njengoko uAbhisalom abewawisele umthetho. Besuka ke bonke oonyana bokumkani; walowo wakhwela kundlebende wakhe, basaba.

30. Kwathi, besesendleleni, zafika iindaba kuDavide, zisithi, UAbhisalom ubabulele bonke oonyana bokumkani, akwasala namnye.

31. Wesuka ukumkani, wazikrazula iingubo zakhe, waqungquluza emhlabeni; bonke abakhonzi bakhe bemi ngakuye, bezikrazule iingubo zabo.

32. Waphendula uYonadabhi, unyana kaShimeha umkhuluwa kaDavide, wathi, Mayingàthi inkosi yam abulewe onke amadodana angoonyana bokumkani; ngokuba kufe uAmnon yedwa; ngokuba yagqitywa le nto ngumlomo ka-Abhisalom, kususela kwalaa mini wamdlwengula ngayo uTamare, udade wabo.

33. Ke ngoko, nkosi yam kumkani, ungàlibekeli ntliziyo eli lizwi lithi, bonke oonyana bokumkani bafile. Akunjalo; nguAmnon yedwa ofileyo.

34. Wabaleka uAbhisalom.Ke kaloku umfana ongumlindi waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nanko kusiza into eninzi yabantu, ngendlela esecaleni lentaba, bevela ngasentshonalanga.

35. Wathi uYonadabhi kukumkani, Naba oonyana bokumkani besiza; njengoko belinjalo ilizwi lomkhonzi wakho, kwenzeké ngokunjalo.

2 Usamuweli 13