Yomelelani nibe ngamakroti. Enza ke amadodana ka-Abhisalom kuAmnon njengoko uAbhisalom abewawisele umthetho. Besuka ke bonke oonyana bokumkani; walowo wakhwela kundlebende wakhe, basaba.