2 Usamuweli 12:22-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Wathi yena, Xa ebesahleli umntwana, ndazila ukudla, ndalila; ngokuba bendisithi, Ngubani na owaziyo? Mhlawumbi uYehova angandibabala, aphile umntwana.

23. Efile nje kaloku, yini na ukuba ndibe ndisazila ukudla? Ndisenako yini na ukumbuyisa? Ndiya kuya kuye mna, yena akayi kubuyela kum.

24. UDavide wamthuthuzela uBhatshebha umkakhe; wangena kuye, walala naye; wazala unyana, wathi igama lakhe nguSolomon.*

25. Ke uYehova wamthanda; wathumela ngesandla sikaNatan umprofeti, wathi, Igama lakhe nguYedidiya,* ngenxa kaYehova.

2 Usamuweli 12