2 Usamuweli 10:7-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Weva uDavide; wathuma uYowabhi enomkhosi wonke wamagorha.

8. Baphuma oonyana baka-Amon, bákha izintlu zokulwa ekungeneni kwesango; ama-Aram aseTsobha, nawaseRehobhi, namadoda aseTobhi, nawaseMahaka aba wodwa endle.

9. Wabona uYowabhi ukuba imfazwe ibheke kuye, ngaphambili nangasemva, wanyula emadodeni onke ahleliweyo kwaSirayeli, wákha uluhlu malunga nama-Aram.

10. Abanye abantu wabanikela esandleni sika-Abhishayi, umninawa wakhe, wabakha baluluhlu malunga noonyana baka-Amon.

11. Wathi, Ukuba ama-Aram athe andeyisa, wondisiza; ukuba bathe oonyana baka-Amon bakoyisa, ndoza kukusiza.

12. Yomelela, somelele ngenxa yabantu bakowethu, nangenxa yemizi yoThixo wethu; uYehova enze oko kulungileyo emehlweni akhe.

13. Weza uYowabhi nabantu ababenaye, walwa nama-Aram; asaba ebusweni bakhe.

14. Babona oonyana baka-Amon ukuba asabile ama-Aram, basaba nabo ebusweni buka-Abhishayi, bangena ekhaya. Wabuya ke uYowabhi koonyana baka-Amon, weza eYerusalem.

15. Abona ama-Aram ukuba agxothiwe phambi kwamaSirayeli, ahlanganisana ndawonye.

16. Wathumela uHadadezere, wawarhola ama-Aram abephesheya koMlambo,* eza eHelam; uShobhaki, umthetheli womkhosi kaHadadezere, ephambi kwawo.

17. Kwaxelwa kuDavide; wahlanganisa amaSirayeli onke, wayiwela iYordan, waya eHelam. Ákha izintlu ama-Aram malunga noDavide, alwa naye.

18. Asaba ama-Aram ebusweni bamaSirayeli. UDavide wabulala kuma-Aram amakhulu asixhenxe abeenqwelo zokulwa, namashumi amané amawaka abamahashe. Waxabela noShobhaki, umthetheli womkhosi wawo, wafela khona.

19. Bonke ookumkani abakhonza uHadadezere babona ukuba bagxothiwe phambi kwamaSirayeli, baxolelana namaSirayeli, bawakhonza. Oyika ke ama-Aram ukuba sabasiza oonyana baka-Amon.

2 Usamuweli 10