6. Wathi umfo wakwaThixo, Iwe phi na? Wambonisa loo ndawo. Wanqumla uluthi, waluphosa khona. Yadada intsimbi.
7. Wathi, Yithabathe. Wasolula isandla sakhe, wayithabatha.
8. Ke kaloku ukumkani wama-Aram* wayesilwa namaSirayeli, wacebisana nabakhonzi bakhe, esithi, Kuya kuba sekuthini, nasekuthini, apho ndolalisa khona.
9. Wathumela umfo wakwaThixo kukumkani wakwaSirayeli, esithi, Zigcine, ungegqithi kulaa ndawo; ngokuba ama-Aram ehla khona.
10. Ukumkani wamaSirayeli wathumela kuloo ndawo, abemxelele yona umfo wakwaThixo, embonisa; wazikhusela khona, akwaba kanye nakabini.
11. Yabhabhama intliziyo yokumkani wakwa-Aram yiloo nto; wabiza abakhonzi bakhe, wathi kubo. Ànindixeleli na ukuba ngubani na kuthi apha, ongakukumkani wakwaSirayeli?
12. Wathi omnye wakubakhonzi bakhe, Asisithi, nkosi yam kumkani; ke nguElisha, umprofeti okwaSirayeli, oxelela ukumkani wamaSirayeli amazwi owathetha usengontsini yakho yokulala.
13. Wathi, Yiyani, nikhangele apho akhona; ndithumèle, ndimthabathe. Waxelelwa kwathiwa, Nanko eDotan.