2 Ookumkani 2:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi ekuza kumnyuseni kukaYehova uEliya ngomoya ovuthuzayo, ukuba aye emazulwini, wabe uEliya ehamba noElisha, besuka eGiligali.

2. Wathi uEliya kuElisha, Khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithumé eBheteli. Wathi uElisha, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Behla ke, baya eBheteli.

3. Baphuma oonyana babaprofeti, ababeseBheteli, baya kuElisha, bathi kuye, Ùyazi na kodwa ukuba namhlanje úyayisusa uYehova inkosi yakho entlokweni yakho? Wathi, Ndiyayazi loo nto; yithini cwaka.

4. Wathi uEliya kuye, Elisha, khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithumé eYeriko. Wathi, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Bangena ke eYeriko.

5. Beza oonyana babaprofeti ababeseYeriko kuElisha, bathi kuye, Ùyazi na kodwa ukuba namhla úyayisusa uYehova inkosi yakho entlokweni yakho? Wathi, Ndiyayazi loo nto; yithini cwaka.

6. Wathi uEliya kuye, Khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithumé eYordan. Wathi, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe.

7. Bahamba ke bobabini. Kwahamba amadoda amashumi mahlanu koonyana babaprofeti, afika ema mgama malunga nabo. Bona bema bobabini ngaseYordan.

8. UEliya wayithabatha ingubo yakhe enkulu, wayisonga, wabetha ngayo emanzini; ahluka, asinga ngapha nangapha; bawela bobabini komile.

9. Kwathi, xa bawelileyo, wathi uEliya kuElisha, Cela into, ndikwènzele, ndingekasuswa kuwe. Wathi uElisha, Mandizuze izahlulo ezibini zomoya wakho.

10. Wathi, Ùcele into enzima; kodwa ke ukuba uthe wandibona ukususwa kwam kuwe, koba njalo, ukuba akuthanga undibone, akuyi kuba njalo.

2 Ookumkani 2