13. Uphi na ukumkani weHamati, nokumkani weArpadi, nokumkani womzi waseSefarvayim, neHena, neIva?
14. Wawathabatha uHezekiya amaphepha eencwadi ezandleni zabathunywa, wawalesa; wenyuka waya endlwini kaYehova, wawaneka uHezekiya phambi koYehova.
15. Wathandaza uHezekiya phambi koYehova, wathi, Yehova, Thixo wakwaSirayeli, ùhleli wena phakathi kweekerubhi,* unguye uThixo wena wedwa kwizikumkani zonke zehlabathi; wena uwenzile amazulu nehlabathi.
16. Thoba indlebe yakho, Yehova, uve; vula amehlo akho, Yehova, ubone; uweve amazwi kaSaneribhe, othumé ukungcikiva ngawo uThixo ophilileyo.
17. Okunene, Yehova, ookumkani baseAsiriya bazichithile iintlanga namazwe azo,
18. babanikela oothixo bazo emlilweni, kuba babengethixo, babengumsebenzi wezandla zomntu, umthi nelitye; babatshababalisa ke.
19. Ke ngoko, Yehova Thixo wethu, khawusisindise esandleni sakhe, zazi zonke izikumkani zehlabathi ukuba wena unguYehova uThixo wedwa.