13. Uphi na ukumkani weHamati, nokumkani weArpadi, nokumkani womzi waseSefarvayim, neHena, neIva?
14. Wawathabatha uHezekiya amaphepha eencwadi ezandleni zabathunywa, wawalesa; wenyuka waya endlwini kaYehova, wawaneka uHezekiya phambi koYehova.
15. Wathandaza uHezekiya phambi koYehova, wathi, Yehova, Thixo wakwaSirayeli, ùhleli wena phakathi kweekerubhi,* unguye uThixo wena wedwa kwizikumkani zonke zehlabathi; wena uwenzile amazulu nehlabathi.
16. Thoba indlebe yakho, Yehova, uve; vula amehlo akho, Yehova, ubone; uweve amazwi kaSaneribhe, othumé ukungcikiva ngawo uThixo ophilileyo.
17. Okunene, Yehova, ookumkani baseAsiriya bazichithile iintlanga namazwe azo,