2 Ookumkani 17:1-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngomnyaka weshumi elinesibini ka-Ahazi ukumkani wakwaYuda, uHoseya, unyana kaEla, waba ngukumkani kwaSamari kumaSirayeli, iminyaka yasithoba.

2. Wenza okubi emehlweni kaYehova; noko akaba njengookumkani bakwaSirayeli ababephambi kwakhe.

3. UShalemanesere ukumkani waseAsiriya wenyuka, wamfikela uHoseya; waba ngumkhonzi wakhe, wamana emrholela iminikelo.

4. Ke kaloku ukumkani waseAsiriya wamfumana uHoseya eliphamba, ngokuthi athume izigidimi kuSo, ukumkani wamaYiputa, angawunyusi awuse umnikelo kukumkani waseAsiriya, njengokweminyaka ngeminyaka; ukumkani waseAsiriya wamvalela ke, wamkhonkxa entolongweni.

5. Ukumkani waseAsiriya waligqiba lonke ilizwe; wenyuka waya kumzi wakwaSamari, wawungqinga iminyaka emithathu.

6. Ngomnyaka wesithoba kaHoseya, ukumkani waseAsiriya wawuthimba umzi wakwaSamari, wawafudusela amaSirayeli eAsiriya, wawabeka eHala, naseHabhore, emlanjeni oyiGozan, nasemizini yamaMedi.

7. Kwenzeka oko kuba oonyana bakaSirayeli bonayo kuYehova uThixo wabo, owabanyusayo ezweni lamaYiputa, wabarhola phantsi kwesandla sikaFaro ukumkani waseYiputa; boyika thixo bambi,

8. bahamba emimiselweni yeentlanga, ebezigqogqe uYehova ebusweni boonyana bakaSirayeli, nakweyookumkani bakwaSirayeli, ababeyenzile.

9. Oonyana bakaSirayeli benza ngasese izinto ezingezizo kuYehova uThixo wabo, bazakhela izigánga emizini yabo yonke, kwathabathela kwinqaba yababoniseli kwesa kumzi onqatyisiweyo.

10. Bazimisela izimiso zamatye nooAshera* ezindulini zonke ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza;

11. baqhumisela khona ezigangeni zonke, njengeentlanga awazifudusayo uYehova ebusweni babo. Benza izinto ezimbi zokumqumbisa uYehova;

12. bakhonza izigodo ezizizithixo, wathi uYehova kubo, Ize ningazenzi ezo nto.

13. Waqononondisa uYehova kwaSirayeli nakwaYuda, ngabaprofeti bonke, iimboni ngeemboni, esithi, Buyani ezindleleni zenu ezimbi, nigcine imithetho yam, imimiselo yam, ngokomyalelo wonke endawumisela ooyihlo, endawuthumela kuni ngesandla sabakhonzi bam abaprofeti.

14. Abeva, bazenza lukhuni iintamo zabo, njengeentamo zooyise abangakholwanga nguYehova uThixo wabo.

15. Bayicekisa imimiselo yakhe, nomnqophiso wakhe awawenzayo nooyise babo, nezingqino zakhe awazingqinayo kubo; balandela izinto ezingento, baba ziinto ezingento, balandelana neentlanga ezibangqongileyo, awayebawisele umthetho uYehova ngazo, ukuba bangenzi njengazo.

16. Bayishiya yonke imithetho kaYehova uThixo wabo, bazenzela umfanekiso otyhidiweyo, amathole amabini, benza uAshera, baqubuda kumkhosi wonke wezulu, bakhonza uBhahali.*

17. Bacandisa oonyana babo neentombi zabo emlilweni, bavumisa, bahlaba izihlabo, bazithengisela ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba bamqumbise.

18. UYehova waba nomsindo omkhulu kunene kumaSirayeli, wawasusa ebusweni bakhe, yaba sisizwe sakwaYuda sodwa esasalayo.

19. KwanamaYuda akayigcinanga imithetho kaYehova uThixo wawo; ahamba ngemimiselo yamaSirayeli abeyenzile.

2 Ookumkani 17