2 Ookumkani 15:4-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. kodwa azisuswanga izigánga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni.

5. UYehova wambetha ukumkani, waba neqhenqa kwada kwayimini yokufa kwakhe; wahlala endlwini eyodwa. Ke uYotam, unyana wokumkani, ebephethe ibhotwe, ebalawula abantu belizwe.

6. Ezinye izinto zika-Azariya, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?

7. Walala uAzariya kooyise; bamngcwabela kooyise emzini kaDavide. UYotam, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

8. Ngomnyaka wamashumi omathathu anesibhozo ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uZekariya, unyana kaYarobheham, kumaSirayeli kwaSamari, iinyanga ezintandathu.

9. Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengoko benza ngako ooyise; akatyeka ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli.

10. UShalum unyana kaYabheshe wamceba, wamxabela phambi kwabantu, wambulala; waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

11. Ezinye izinto zikaZekariya, nanzo zibhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.

12. Lilizwi elo awalithethayo uYehova kuYehu lokuthi, Kuwe kuya kuhlala oonyana besesiné isizukulwana etroneni yakwaSirayeli. Kwaba njalo ke.

13. UShalum unyana kaYabheshe waba ngukumkani ngomnyaka wamashumi omathathu anesithoba kaUziya ukumkani wakwaYuda. Waba ngukumkani inyanga iphela kwaSamari.

14. Wenyuka uMenahem unyana kaGadi, esuka eTirtsa, waya kwaSamari, wamxabela uShalum unyana kaYabheshe kwaSamari, wambulala, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

15. Ezinye izinto zikaShalum, necebo lakhe awalicebayo, nanzo zibhalwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.

2 Ookumkani 15