9. UYehohashe ukumkani wakwaSirayeli wathumela kuAmatsiya ukumkani wakwaYuda, wathi, Ikhakakhaka eliseLebhanon lathumela kumsedare* oseLebhanon, lisithi, Unyana wam mnike intombi yakho, ibe ngumkakhe. Ke irhamncwa laseLebhanon laliwela, lalibhuqa, ikhakakhaka elo.
10. Ùwabulele okunene amaEdom, yakuphakamisa intliziyo yakho; zuka ngaloo nto uhlale endlwini yakho. Yini na ukuba ufekethe ngobubi, uwe, wena namaYuda anawe?
11. Akaphulaphula uAmatsiya. Wenyuka ke uYehohashe ukumkani wakwaSirayeli; baqwalaselana ngamehlo, yena noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, eBhete-shemeshe eyeyakwaYuda.
12. Aqondiswa ke amaYuda ngamaSirayeli; yangulowo wasabela ententeni yakhe.
13. UYehohashe ukumkani wakwaSirayeli wambamba uAmatsiya ukumkani wakwaYuda, unyana kaYowashe, unyana ka-Ahaziya, eBhete-shemeshe, weza eYerusalem, waluqhekeza udonga lweYerusalem, wathabathela esangweni lakwaEfrayim, wesa esangweni lembombo, ikubhite* ezimakhulu mané.
14. Wayithabatha yonke igolide nesilivere, neempahla zonke ezafumanekayo endlwini kaYehova, nasebuncwaneni bendlu yokumkani, nabazizibambiso; wabuyela kwaSamari.