2 Ookumkani 14:1-2 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngomnyaka wesibini kaYehohashe unyana kaYehowahazi, ukumkani wakwaSirayeli, waba ngukumkani uAmatsiya, unyana kaYowashe ukumkani wakwaYuda.

2. Ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mabini anesithoba engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYehowadan waseYerusalem.

2 Ookumkani 14