16. Wathi kukumkani wakwaSirayeli, Sityede isaphetha ngesandla sakho. Wasityeda ngesandla sakhe; uElisha wabeka ezakhe izandla ezandleni zokumkani, wathi,
17. Vula ifestile ngasempumalanga; wayivula. Wathi uElisha, Tola; watola. Wathi, Huntshu, utolo losindiso lukaYehova! Utolo losindiso oluchase ama-Aram! Ùya kutsho ngalo kuma-Aram eAfeki ade aphele.
18. Wathi, Zithabathe iintolo; wazithabatha. Wathi kukumkani wakwaSirayeli, Tola emhlabeni; watsho izihlandlo zazithathu, wayeka.
19. Wesuka umfo wakwaThixo, wanoburhalarhume ngakuye, wathi, Unge utsho izihlandlo zazihlanu, nokuba zithandathu; ukuze ube ùya kutsho kuma-Aram ade aphele; useluya kutsho kuma-Aram izihlandlo zibe zithathu kuphela.
20. Wafa uElisha, bamngcwaba. Ke amatutu amaMowabhi ebedla ngokulingenela ilizwe, ukuthwasa komnyaka;
21. kwathi, bengcwaba indoda, babona ngamatutu evela; bayiphosa indoda leyo engcwabeni likaElisha. Ithe indoda leyo yakufika emathanjeni kaElisha, yasuka yaphila, yema ngeenyawo.
22. Ke kaloku uHazayeli, ukumkani wama-Aram, wayewaxinile amaSirayeli yonke imihla kaYehowahazi.
23. UYehova wawababala, wasikwa yimfesane ngawo, wawabheka ngenxa yomnqophiso wakhe noAbraham noIsake noYakobi; àkavuma ukuwonakalisa nokuwalahla ebusweni bakhe unangoku.
24. Wafa uHazayeli ukumkani wama-Aram; uBhenhadade, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
25. Wabuya uYehohashe unyana kaYehowahazi, wayithimba imizi kuBhen-hadade unyana kaHazayeli, awayeyithimbe yena kuYehowahazi uyise ngemfazwe. UYehohashe wamgxotha izihlandlo zazithathu wayibuyisa imizi yakwaSirayeli.