1 Usamuweli 30:6-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Wabandezeleka kunene uDavide; ngokuba abantu babethetha ngokumxuluba ngamatye; kuba umphefumlo wabantu bonke ubukrakra, elowo ngenxa yoonyana bakhe nangenxa yeentombi zakhe. Ke uDavide wazomelezela kuYehova uThixo wakhe.

7. Wathi uDavide kuAbhiyatare umbingeleli, unyana ka-Ahimeleki, Khawuzise iefodi* kum. UAbhiyatare wayizisa iefodi kuDavide.

8. Wabuza uDavide kuYehova, esithi, Ndíwasukele na la matutu? Ndowafumana na? Wathi kuye, Sukela; ngokuba ùya kuwafumana okunene; uya kuhlangula konke.

9. Wahamba ke uDavide, yena namadoda angamakhulu amathandathu anawo. Bafika emlanjaneni oyiBhesore, amanye asala khona.

10. Wasukela uDavide, yena namakhulu amané amadoda; asala ke amakhulu amabini amadoda aphelelweyo, angenakuwela emlanjaneni oyiBhesore.

11. Ke kaloku bafumana indoda engumYiputa isendle. Bayizisa kuDavide, bayinika isonka; yadla; bayiseza amanzi;

12. bayinika ke icandelo lesicumba samakhiwane namacandelo amabini esicumba seerasintyisi, yadla. Wabuyela kuyo umoya wayo; kuba ibingadlanga kudla, ingaselanga manzi, iimini ezintathu nobusuku obuthathu.

1 Usamuweli 30