1 Usamuweli 17:8-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Yema, yamemeza kwizintlu zakwaSirayeli, yathi kuzo, Yini na ukuba niphume nakhe uluhlu lokulwa? Andinguye na umFilisti, nayé nina ningabakhonzi bakaSawule? Zikhetheleni indoda, ihle ize kum.

9. Ukuba ithe yanako ukulwa nam, yandibulala, soba ngabakhonzi kuni; ukuba ndithe ndayeyisa mna, ndayibulala, noba ngabakhonzi kuthi, nisikhonze.

10. Wathi umFilisti, Mna ndiyazingcikiva namhla izintlu zakwaSirayeli; ndikhupheleni indoda silwe sobabini.

11. OoSawule namaSirayeli onke baweva amazwi alo mFilisti, bathi qhiphu umbilini, boyika kunene.

12. Ke uDavide waye engunyana waloo mEfrata waseBhetelehem yakwaYuda, ugama linguYese, únyana basibhozo; ubeyindoda eyalupheleyo ngemihla kaSawule, emdala kakhulu phakathi kwamanye amadoda.

13. Babeye ekulweni oonyana abathathu bakaYese abakhulu, bemlandela uSawule. Amagama oonyana bakhe abathathu ababeye kulwa nguEliyabhi owamazibulo, emva kwakhe nguAbhinadabhi, owesithathu nguShama.

14. UDavide ubengomncinane; abakhulu bobathathu babelandele uSawule.

15. UDavide ubesiya abuye kuSawule, ukuba aluse impahla emfutshane kayise eBhetelehem.

16. UmFilisti lowo weza kusasa nangokuhlwa, wema imihla emashumi mané.

17. Wathi uYese kuDavide unyana wakhe, Khawuphathele abakhuluwa bakho iefa* yamakhweba la, nezonka ezi zilishumi, ugidime uye emkhosini kubakhuluwa bakho,

18. use nezonka zamasi ezi zilishumi kumthetheli-waka, ubavelele abakhuluwa bakho, ubuze ukuphila kwabo, uthabathe isibambiso kubo.

19. USawule ke, kwanabo, namadoda onke akwaSirayeli, ayesentilini kaEla, esilwa namaFilisti.

20. Wavuka kusasa uDavide ngengomso, wayishiya impahla emfutshane nomgcini, wathabatha, wahamba, njengoko wamwiselayo uYese umthetho, wafika eluthangweni lweenqwelo zokulwa, umkhosi uphuma usiya kuma eluhlwini, uhlaba umkhosi.

21. AmaSirayeli namaFilisti ákha izintlu, uluhlu lukhangelene noluhlu.

1 Usamuweli 17