1. Wathuma ke uHiram, ukumkani waseTire, abakhonzi bakhe kuSolomon; kuba ubevile ukuba uthanjisiwe ukuba abe ngukumkani, esikhundleni sikayise; ngokuba uHiram ubehleli emthanda uDavide yonke imihla.
2. Wathumela uSolomon kuHiram, esithi,
3. Ùyazi wena ukuba uDavide ubawo ubengenako ukulakhela igama likaYehova uThixo wakhe indlu, ngenxa yeentshaba ezibe zimjikelezile, wada uYehova wazibeka ngaphantsi kweentende zeenyawo zakhe.
4. Kaloku ke úndiphumzile uYehova, uThixo wam, ngeenxa zonke; akukho lutshaba, akukho sihlo sibi.
5. Uyabona, ndithi ndiza kulakhela indlu igama likaYehova uThixo wam, njengoko wakuthethayo uYehova kuDavide ubawo, esithi, Unyana wakho, endiya kumbeka esikhundleni sakho etroneni yakho, nguye oya kulakhela indlu igama lam.
6. Ngoko ke wisa umthetho, bandigawulele imisedare* eLebhanon; abakhonzi bam babe nabakhonzi bakho; ndíkunike umvuzo wabakhonzi bakho, njengako konke owokuthetha; ngokuba uyazi wena, ukuba kuthi apha akukho ndoda ikwaziyo ukugawula imithi njengamaTsidon.
7. Kwathi, akuweva uHiram amazwi kaSolomon, wavuya kunene, wathi, Makabongwe uYehova namhla, omnikileyo uDavide unyana olumkileyo, wokubaphatha aba bantu baninzi kangaka.