1 Ookumkani 2:44-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

44. Wathi ukumkani kuShimehi, Uyabazi wena bonke ububi obaziwa yintliziyo yakho, owabenzayo kuDavide ubawo; úya bubuyisela uYehova ububi bakho kwasentlokweni yakho;

45. asikelelwe ukumkani uSolomon, iqiniseke itrone kaDavide phambi koYehova, kude kuse ephakadeni.

46. Ukumkani wamwisela ke umthetho uBhenaya unyana kaYehoyada; waphuma wamgwaza, wafa. Ubukumkani baqiniseka esandleni sikaSolomon.

1 Ookumkani 2