1 Ookumkani 2:3-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. ugciné isigxina sikaYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe, ugcine imimiselo yakhe, nemithetho yakhe, namasiko akhe, nezingqino zakhe, njengoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses, ukuze ube nengqiqo ezintweni zonke othe wazenza, nasezintweni zonke othe wasinga kuzo;

4. ukuze alimise uYehova ilizwi lakhe awalithethayo ngam, esithi, Ukuba bathe oonyana bakho bayigcina indlela yabo, ukuba bahambe phambi kwam enyanisweni ngentliziyo yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke, (esithi) akuyi kunqunyukelwa ndoda etroneni yakwaSirayeli.

5. Kananjalo wena ùya kwazi awakwenzáyo kum uYowabhi unyana kaTseruya, awakwenzayo kubathetheli ababini bemikhosi yakwaSirayeli, kuAbhinere unyana kaNere, nakuAmasa unyana kaYetere, awababulalayo, waphalaza amagazi emfazwe, lixolile, wabeka amagazi emfazwe embhinqweni wakhe obusesinqeni sakhe, nasezimbadadeni zakhe ezisezinyaweni.

6. Yènza ngokobulumko bakho, zingehli izimvi zakhe ziye kwelabafileyo enoxolo.

7. Ke koonyana bakaBharzilayi waseGiliyadi, uze wenze ngenceba, babe kwabadla etafileni yakho; ngokuba benjenjalo ukuza kum ekusabeni kwam ebusweni buka-Abhisalom, umkhuluwa wakho.

8. Ùyabona, únawe uShimehi unyana kaGera, umBhenjamin, waseBhahurim; yena wanditshabhisa ngotshabhiso olukhulu, mini ndaya eMahanayim. Yena ke wehla weza kundikhawulela eYordan, ndamfungela uYehova, ndathi, Andiyi kukubulala ngekrele.

9. Ngoko uze ungamenzi omsulwa, ngokuba ùyindoda elumkileyo wena; uze ukwazi oko uya kukwenza kuye; uzihlisele kwelabafileyo zinegazi izimvi zakhe.

10. Walala ke uDavide kooyise, wangcwatyelwa emzini kaDavide.

11. Ke imihla abengukumkani kumaSirayeli uDavide ibingamashumi omané eminyaka; eHebron wayengukumkani iminyaka esixhenxe; eYerusalem wayengukumkani iminyaka emashumi mathathu anamithathu.

12. Wahlala ke uSolomon etroneni kaDavide uyise; baqiniseka kunene ubukumkani bakhe.

13. Ke kaloku waya uAdoniya, unyana kaHagiti, kuBhatshebha unina kaSolomon. Wathi yena, Ùza ngoxolo na? Wathi, Ngoxolo.

14. Wathi, Ndinelizwi nawe.

15. Wathi, Thetha. Wathi, Ùyazi wena ukuba bebubobam ubukumkani, abe ebubhekise kum ubuso bawo onke amaSirayeli, ukuba ndibe ngukumkani. Bathi guququ ubukumkani, baba bobomninawa wam; ngokuba baba bobakhe, buphuma kuYehova.

16. Kungokunje ndicela nto-nye kuwe, uze ungandilanduleli.

17. Wathi kuye, Thetha. Wathi ke, Khawuthethe noSolomon ukumkani, ngokuba akayi kukulandulela, andinike uAbhishagi waseShunem, abe ngumkam.

18. Wathi uBhatshebha, Kulungile, ndokuthethelela kukumkani.

19. Waya ke uBhatshebha kukumkani uSolomon, ukuba athethe naye ngoAdoniya. Wesuka ukumkani waya kumkhawulela, waqubuda kuye, wahlala etroneni yakhe, wammisela itrone unina wokumkani, wahlala ke ngasekunene kwakhe.

20. Wathi, Ndicela nto-nye kuwe; ùze ungandilanduleli. Wathi ke ukumkani kuye, Cela, ma, ngokuba andiyi kukulandulela.

1 Ookumkani 2