1 Kwabasekorinte 1:7-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. ngokokude ningasileli nakwesìnye isipho enisibabalweyo; nílindé kakhulu ukutyhileka kweNkosi yethu uYesu Kristu;

8. oya kuniqinisa nokuniqinisa ase ekupheleni, ukuze ningabi nakumangaleleka ngemini yeNkosi yethu uYesu Kristu.

9. Uthembekile uThixo, enabizelwa nguye ebudlelaneni boNyana wakhe, uYesu Kristu iNkosi yethu.

10. Ke kaloku, ndiyaniyala, bazalwana, ngalo igama leNkosi yethu, uYesu Kristu, ukuba nithethe nto-nye nonke, nokuba kungabikho zahlukahlukano kuni; ke níbe ngabalungisiweyo, nígqibelele ngqiqweni-nye, nasicamangweni sinye.

11. Kuba ndazisiwe ngani, bazalwana bam, ngabakuloKlowe, ukuba kukho iimpikiswano phakathi kwenu.

12. Ukutsho ke ndithi kuthiwa, ulowo kuni uthi, Mna ndingokaPawulos; omnye ke athi, Mna ndingoka-Apolo; omnye ke athi, Mna ndingokaKefas; omnye ke athi, Mna ndingokaKristu.

13. Wahlukahlukene na uKristu? Kwabethelelwa uPawulos yini na emnqamlezweni ngenxa yenu? Nabhaptizelwa egameni likaPawulos, kusini na?

14. Ndiyabulela kuThixo, ukuba ndingabhaptizanga namnye kuni, ingenguKrispo noGayo;

15. ukuze kungabikho mntu uthi, ndabhaptizela egameni lam.

16. Ndabhaptiza ke nendlu kaStefana; ngaphandle kwabo, andazi ukuba ndabhaptiza wumbi.

17. Kuba uKristu akandithumanga kubhaptiza; wandithuma ukushumayela iindaba ezilungileyo, kungabi ngabulumko bakuthetha, ukuze umnqamlezo kaKristu ungalanjathiswa.

18. Kuba ilizwi lomnqamlezo libubudenge okunene kwabatshabalalayo; kodwa ke kwabasindiswayo, thina aba, lingamandla kaThixo.

19. Kuba kubhaliwe kwathiwa,Ndiya kubutshabalalisa ubulumko bezilumko,Ingqondo yeengqondi ndiyitshitshise.(UIsaya 29:14)

20. Síphi na ke isilumko? Uphi na ke umbhali? Uphi na ke umphiki weli phakade? UThixo akabenzanga baba bubudenge na ubulumko beli hlabathi?

21. Ekubeni ke kuthe, ebulumkweni bukaThixo, ihlabathi alamazi uThixo ngobulumko balo, kwakholeka kuThixo ukusindisa abo bakholwayo, ngabo ubudenge bokuvakalisa iindaba ezilungileyo.

22. Ekubeni ke amaYuda ecela umqondiso, amaGrike efuna ubulumko, thina okwethu sivakalisa uKristu,

1 Kwabasekorinte 1