2 Yookumkani 8:14-24 Ibhayibhile (XHO96)

14. UHazayeli wamshiya uElisha, wagoduka waya enkosini yakhe. Akubuza ke uBhenadadi ukuba uthini na uElisha, uHazayeli wathi: “Uthi uza kuphila.”

15. Kambe ke ngemini elandelayo uHazayeli wathatha ilaphu, walifaka emanzini, waza wafuthanisela ukumkani lowo wada wafa. Akuba efile ke, uHazayeli waba ngukumkani endaweni yakhe.

16. Ke kaloku ngonyaka wesihlanu uYoram unyana ka-Ahabhi engukumkani wakwaSirayeli, uYehoram unyana kaYoshafati ukumkani wakwaSirayeli waqalisa ukulawula kwaJuda.

17. Wayeneminyaka emashumi mathathu anambini ukuqala kwakhe ukulawula, waza ke walawula eJerusalem iminyaka yasibhozo.

18. Wahamba ekhondweni lookumkani bakwaSirayeli, wenza njengendlu ka-Ahabhi. Kaloku wayethathe intombi yakhe. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo.

19. Kambe ke, ngenxa yesicaka sakhe uDavide, uNdikhoyo akamtshabalalisanga uJuda. Kaloku wayemthembise ngelithi womnika isibane ngoonyana bakhe yonke imihla.

20. Ke ngexesha likaYehoram iEdom yamvukela uJuda, yazimisela owayo ukumkani.

21. Ngoko ke uYehoram waya eZayira nazo zonke iinqwelo zakhe. Ke amaEdom amrhawula kunye nezo njengele zeenqwelo, kambe ke yena wavuka ngobusuku, waphuncuka. Ke wona umkhosi wakhe wabaleka wagoduka.

22. Unanamhlanje ke iEdom isavukelene noJuda. NeLibhena ke yenza uvukelo kwangelo xesha.

23. Ezinye zeziganeko zolawulo lukaYehoram, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.

24. UYehoram ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide. UAhaziya unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe wangukumkani.

2 Yookumkani 8