2 Yookumkani 13:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngonyaka wamashumi amabini anantathu engukumkani uYowashe unyana ka-Ahaziya ukumkani wakwaJuda, uYowahazi unyana kaYehu waba ngukumkani kwaSirayeli eSamariya. Walawula iminyaka elishumi elinesixhenxe.

2. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, wasuka wahamba ekhondweni lezono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela uSirayeli kuzo; ewe, yena wathi nca kuzo.

3. Ngoko ke umsindo kaNdikhoyo wavutha ngakuSirayeli. Kwaba lixesha elide emyekele phantsi kwesandla sikaHazayeli, ukumkani wakwa-Aram, ndawonye nonyana wakhe uBhenadadi.

4. Ke uYowahazi wakhala kuNdikhoyo, waza ke yena wamphulaphula, kuba wayekubona ukuphatheka kabuhlungu kukaSirayeli phantsi kwesandla sokumkani wakwa-Aram.

5. UNdikhoyo wamnika umhlanguli uSirayeli, waza ke waphuncula kweso sandla sama-Aram. USirayeli ke wabuya wadla ngendeb' endala njengangaphambili.

6. Kodwa ke akahlukananga nezono zendlu kaJerobhowam, ezo walukuhlela amaSirayeli kuzo; ewe, waqhubela phambili ukuzenza. Nentsika ka-Ashera yasala isamile apho eSamariya.

7. Ke wona umkhosi kaYowahazi wavuthuluka waphela kwasala amadoda amahashe angamashumi amahlanu, ishumi leenqwelo, neshumi lamawaka lamajoni eenyawo. Kaloku ukumkani wakwa-Aram watshabalalisa konke, washiya kuxusheke ngathi luthuli lexa lokubhula.

8. Ke zona ezinye zeziganeko zolawulo lukaYowahazi, imisebenzi nemizabalazo yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

9. UYowahazi waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa eSamariya. Esikhundleni sakhe ke kwangena unyana wakhe uYehowashe.

2 Yookumkani 13