1 Yookumkani 2:16-32 Ibhayibhile (XHO96)

16. Kambe ke ngoku ndinasicelo sinye endifuna ukusenza kuwe; uze uncede ungasikhabi.”UBhashebha waphendula wathi: “Kulungile; thetha ndive.”

17. Waqhuba ke wathi: “Khawuncede uthethe nokumkani uSolomon; akanakwala kuwe. Ndifuna andinike uAbhishagi, intombi yomShunemi, abe ngumfazi wam.”

18. UBhashebha ke wathi: “Kulungile; ndiya kukuthethela kukumkani.”

19. UBhashebha ke waya kukumkani uSolomon, esiya kuthethelela uAdoniya. Akumbona ke ukumkani, waphakama wamhlangabeza, wakhahlela, waza ke wachopha esihlalweni sakhe. Wathi makuziwe nesihlalo, ukuze ahlale kuso unina, waza ke wamhlalisa ngasekunene kwakhe.

20. UBhashebha ke wathi: “Ndinesicelo esinye endifuna ukusenza kuwe; uze ungalanduli.”Ukumkani waphendula wathi: “Thetha, mama; andiyi kulandula.”

21. Waqhuba ke wathi: “Kunganjani xa uAbhishagi umShunemikazi enikelwa kumntakwenu uAdoniya abe ngumkakhe?”

22. Ukumkani uSolomon uphendule unina wathi: “Ngani ukuba uAbhishagi umShunemikazi umfunele uAdoniya? Kungcono umcelele obu bukumkani buphela – andithi kaloku yena ngumkhuluwa – abe yena exhaswa ngumbingeleli uAbhiyatare noJowabhi unyana kaZeruya!”

23. Ukumkani uSolomon wafunga uNdikhoyo wathi: “Makandohlwaye uThixo nokuba kuqatha kangakanani na, ukuba uAdoniya akafanga ngenxa yeli lizwi.

24. Ewe, ekho nje uNdikhoyo, lo undimiseleyo ndazinza kwisihlalo sikabawo uDavide, yena lo undenzele umlibo ngokwesithembiso sakhe, inene namhlanje uza kufa uAdoniya!”

25. Ke ukumkani uSolomon wayalela uBhenaya unyana kaJoyada, waza wamgwaza uAdoniya, wafa.

26. Ukumkani ke wathi kumbingeleli uAbhiyatare: “Wena ke phindela emasimini akho eAnatoti. Ufanelwe kukufa, kambe ke andiyi kukubulala kwangoku, kuba yayithwalwa nguwe ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo uThixo ngexesha likabawo uDavide, futhi wawuzithwele kunye nobawo iimbandezelo zakhe.”

27. Ngoko ke uSolomon wamkhiqa uAbhiyatare kububingeleli, ezalisekisa ilizwi awalithethayo uNdikhoyo eShilo malunga nendlu kaEli.

28. Akuziva ezi ndaba uJowabhi – kaloku naye wayekho kwiyelenqe lika-Adoniya, nangona wayengekho kwelika-Abhasalom – suka ke yena wabalekela *esibingelelweni sikaNdikhoyo, waya kubambelela ngeempondo zeqonga lamadini.

29. Waxelelwa ke uSolomon ukuba nanko uJowabhi ebaleke waya kubambelela ngeempondo zeqonga lamadini esibingelelweni sikaNdikhoyo. Wasuka wathuma uBhenaya unyana kaJoyada esithi: “Yiya umgwaze!”

30. UBhenaya ke waya esibingelelweni sikaNdikhoyo, wafika wathi kuJowabhi: “Ukumkani uthi: ‘Phuma apha!’ ”Kambe ke yena waphendula wathi: “Andiphumi; ndiya kufela apha.”UBhenaya ke waya kubika olo daba kukumkani, wathi: “UJowabhi uthetha ngolu hlobo; ewe, wenjenje ukuphendula.”

31. Ukumkani ke wathi kuBhenaya: “Yiya kuye, wenze njengokuthetha kwakhe. Mosele umngcwabe, ukuze mna nendlu kabawo sahlukane nobutyala ngegazi awaliphalazayo.

32. Kaloku yena wahlasela amadoda amabini wawabulala engadibananga nobawo uDavide. Omabini loo madoda, uAbhinere unyana kaNere, injengele yomkhosi wakwaSirayeli, kunye noAmasa unyana kaYetere, injengele yomkhosi wakwaJuda, ewe, omabini la madoda ayengcono enyanisekile kunaye.

1 Yookumkani 2