Akuziva ezi ndaba uJowabhi – kaloku naye wayekho kwiyelenqe lika-Adoniya, nangona wayengekho kwelika-Abhasalom – suka ke yena wabalekela *esibingelelweni sikaNdikhoyo, waya kubambelela ngeempondo zeqonga lamadini.