1 Yookumkani 11:19-25 Ibhayibhile (XHO96)

19. Ukumkani lowo ke wakholiseka nguHadadi, ngangokuba ade amendisele udade bomkakhe ogama linguTapanes.

20. Loo mfazi ke wazala unyana owathiywa igama elinguGenubhati. Waza ke uTapanes wamkhulisela apho komkhulu. UGenubhati lo ke wakhula nabantwana bokumkani waseJiputa.

21. EseJiputa apho ke uHadadi weva ukuba uDavide akasekho, noJowabhi injengele yomkhosi wakhe wasweleka. UHadadi wacela apho kukumkani wathi: “Ndikhulule ndibuyele kwelakowethu.”

22. Ukumkani wathi: “Ngaba yintoni oyisweleyo ngoku ulapha, le nto ufuna ukugoduka?”Ke yena waphendula wathi: “Hayi, andiswele nto, kodwa noko ndikhulule!”

23. Kwakhona uThixo wavusela uSolomon olunye utshaba, uRezon unyana kaEliyada, owayebaleke kwinkosi yakhe uHadadizere ukumkani waseZobha.

24. Waqokelela amahlakani, waza yena wayinkokheli yegqiza labavukeli ngokuya uDavide wayetshabalalise imikhosi yaseZobha. Abo bavukeli ke baya eDamasko, baza bahlala khona balawula.

25. URezon lo ke waba lutshaba lukaSirayeli ngalo lonke ixesha lokudla kukaSolomon ubomi, yena ke esongezelela kwinkathazo eyayidalwa nguHadadi. URezon ke walawula eAram echasene noSirayeli.

1 Yookumkani 11