5. Kambe ke yena olithobelayo ilizwi lakhe, uthando lukaThixo luyondelelene kuye. Nantsi ke into ecacisa ukuba simanyene noThixo:
6. Lowo uthi umanyene naye makaziphathe ngohlobo awayeziphethe ngalo uYesu Krestu.
7. Zihlobo zam ezithandekayo, lo myalelo ndinibhalela wona awumtsha, mdala; ngulowa nawunikwayo kwasekuqalekeni. Lo myalelo mdala ke ludaba eseniluvile.
8. Ewe kambe, lo myalelo ndinibhalela wona mtsha; ubunyani bawo bubonakaliswa nini nanguYesu Krestu. Kaloku ubumnyama buyadlula; ke okona kukhanya sekuvelile.
9. Umntu othi usekukhanyeni, abe kodwa emthiyile uwabo, usesebumnyameni unangoku.
10. Kodwa yena umntu omthandayo uwabo, uhlala ekukhanyeni; yaye akukho nto ikhubekisayo kuye.
11. Kambe yena umntu omthiyileyo uwabo usebumnyameni, uyamfamzela; akazi nalapho aya khona, kuba ubumnyama bummfamekisile.
12. Ndiyanibhalela, bantwana bam, kuba kaloku izono zenu zixolelwe ngenxa kaKrestu.
13. Ndiyanibhalela nani, boyise, kuba kaloku niyamazi lowo wayekho kwasekuqalekeni. Ngokunjalo ndiyanibhalela nani, lutsha, kuba nimoyisile umtyholi.
14. Bantwana, ndinibhalela nje, kungoba niyamazi uBawo. Boyise, ndinibhalela nje, kungenxa yokuba nimazi lowo wayekho kwasekuqalekeni. Lutsha, ndiyanibhalela kuba kaloku nina nomelele, nelizwi likaThixo linifukamele, ibe ke nomtyholi nimoyisile.
15. Musani ukulithanda ihlabathi, nezinto zalo ngokunjalo. Nabani na olithandayo eli hlabathi akazani nothando lukaThixo.
16. Kaloku zonke izinto zeli hlabathi – iinkanuko zesimo esonakeleyo, ukubawa, namagugu obu bomi – aziveli kuThixo, koko zizinto zeli hlabathi.
17. Ihlabathi nazo zonke izinto ezinqwenelwa ngabantu zezomzuzwana, ziyadlula, kodwa yena owenza ukuthanda kukaThixo uya kuhlala ehleli.
18. Bantwana bam, isiphelo sisemnyango! Kaloku nanivile ukuba umchasi-Krestu uyeza. Nangoku ke sebevele babaninzi abamchasayo uKrestu. Yiloo nto ke esenza siqonde ukuba isiphelo sisemnyango.
19. Aba bantu bakreqa apha kuthi, kuba babengekho ngakuthi kakade; kaloku ukuba babengakuthi ngebabengakreqanga. Ke kaloku basishiyile, khon' ukuze kucace ukuba babengengabo abethu ncam.