Uyoshuwa 20:5-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Othi, xenikweni umphindezeleli wegazi amsukelayo, angamnikeli umbulali esandleni sakhe, ngokuba wambulala ummelwane wakhe engazi, ebengamthiyile ngaphambili.

6. Wóhlala kuloo mzi ade eme phambi kwebandla, lithethwe ityala lakhe, ade afe umbingeleli omkhulu oya kubakho ngezo mini, andule umbulali ukubuyela emzini wakowabo, nasendlwini yakhe, emzini abebaleke ekuwo.

7. Bangcwalisa ke iKedeshe eGalili, ekweleentaba lakwaNafetali; nelakwaShekem kweleentaba lakwaEfrayim; neKiriyati ka-Arbha, ngowaseHebron ke lowo, kweleentaba lakwaYuda.

8. Naphesheya kweYordan, malunga neYeriko ngasempumalanga, bamisa iBhetsere entlango, ethafeni, esizweni sakwaRubhen; neRamoti kwelaseGiliyadi, esizweni sakwaGadi; neGolan eBhashan, esizweni sakwaManase.

9. Yiyo leyo imizi eyamiselwa bonke oonyana bakaSirayeli, nowasemzini ophambukele phakathi kwabo, ukuba babalekele kuyo bonke abantu ababulele umntu ngengozi, ukuba bangafi sisandla somphindezeleli wegazi, bade beme phambi kwebandla.

Uyoshuwa 20