Uyoshuwa 18:15-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Icala lasezantsi lathabathela ekupheleni kweKiriyati-yeharim; waphuma umda entshonalanga, waphuma waya emthonjeni wamanzi aseNefetowa.

16. Wehla umda waya ekupheleni kwentaba ephambi komfula woonyana kaHinom, osentilini yamaRafa ngasentla; wehla ngomfula wakwaHinom, waya egxalabeni lamaYebhusi ngasezantsi, wehla waya e-En-rogele;

17. wahlaba uvela entla, waphuma waya e-En-shemeshe, waphuma waya eGeliloti, emalunga nokunyuka kweAdumim; wehla waya etyeni likaBhohan, unyana kaRubhen;

18. wegqitha waya egxalabeni elimalunga neArabha entla, wehla waya eArabha;

19. wegqitha umda waya egxalabeni laseBhete-hogela entla; ukuma komda, waya wema ngechweba loLwandle lweTyuwa, ekupheleni kweYordan ngasezantsi; nguwo lowo umda wasezantsi.

20. IYordan ibe ingumda walo ngecala lasempumalanga. Lilo elo ilifa loonyana bakaBhenjamin ngokwemida yalo ngeenxa zonke, ngokwemizalwane yabo.

Uyoshuwa 18