Uyeremiya 5:22-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Mna anindoyiki na? utsho uYehova; anizibhijabhiji na ebusweni bam, mna ndiyibekileyo intlabathi yangumda wolwandle, yangummiselo ongunaphakade olungàwugqithiyo? Ayalatyuza amáza alo, angabi nakwenza nto; agqume, angawugqithi.

23. Ke aba bantu banentliziyo eyinjubaqa, eneenkani; bakreqile bemka.

24. Àbatsho nokuthi ezintliziyweni zabo, Makhe soyike uYehova uThixo wethu, osinika imvula ethambisayo nevuthisayo ngexesha elililo; osigcinela iiveki ezimisiweyo zasekwindla.

25. Izenzo zenu ezigwenxa zizisunduzile ezo zinto, izono zenu zikuthintele kuni okulungileyo.

26. Ngokuba kufunyanwa abangendawo phakathi kwabantu bam; bayalalela ngokuncathama kwabathiyeli, benza isihogo, babambisa abantu.

27. Njengendlwane izele ziintaka, zinjalo izindlu zabo ukuzala yinkohliso; ngenxa yoko bakhulile baba zizityebi.

28. Batyebile, bagudile; kananjalo bagqithisele ngezinto ezimbi; ityala àbalilungisa, ityala leenkedama, ukuze zibe nempumelelo; àbaligwebi ityala lamahlwempu.

29. Ndingàveleli na ke ngenxa yezo nto? utsho uYehova; ùngaphindezeli na umphefumlo wam kuhlanga olunje?

30. Kwenziwa into emangalisayo, ebanga amanwele ezweni:

31. àbaprofeti baprofeta ngobuxoki, nababingeleli banobukhosi ngezandla zabo; abantu bam ke bathanda ukuba kube njalo. Niya kuthini na ke ekupheleni kwako oko?

Uyeremiya 5