18. Noko ke ngaloo mihla, utsho uYehova, andiyi kunigqibela kuphele.
19. Kuthi, xa nithi, UYehova uThixo wethu uzenzeleni na ezo zinto zonke kuthi? ùze uthi kubo, Njengokuba nindishiyile mna, nakhonza oothixo bolunye uhlanga ezweni lenu, kwangokunjalo niya kukhonza abasemzini ezweni elingelenu.
20. Kuxeleni oku endlwini kaYakobi, nikuvakalise kwaYuda, nithi,
21. Khanive oku, bantu bazizidenge, bangenantliziyo; banamehlo, bengaboni; baneendlebe, bengeva.
22. Mna anindoyiki na? utsho uYehova; anizibhijabhiji na ebusweni bam, mna ndiyibekileyo intlabathi yangumda wolwandle, yangummiselo ongunaphakade olungàwugqithiyo? Ayalatyuza amáza alo, angabi nakwenza nto; agqume, angawugqithi.
23. Ke aba bantu banentliziyo eyinjubaqa, eneenkani; bakreqile bemka.
24. Àbatsho nokuthi ezintliziyweni zabo, Makhe soyike uYehova uThixo wethu, osinika imvula ethambisayo nevuthisayo ngexesha elililo; osigcinela iiveki ezimisiweyo zasekwindla.
25. Izenzo zenu ezigwenxa zizisunduzile ezo zinto, izono zenu zikuthintele kuni okulungileyo.
26. Ngokuba kufunyanwa abangendawo phakathi kwabantu bam; bayalalela ngokuncathama kwabathiyeli, benza isihogo, babambisa abantu.