Uyeremiya 36:15-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Bathi kuye, Khawuhlale phantsi, uyilese ezindlebeni zethu. Wayilesa ke uBharuki ezindlebeni zabo.

16. Kwathi, bakuweva onke loo mazwi, bankwantya, elowo ebheka kowabo; bathi kuBharuki, Simelwe kukumxelela ukumkani onke la mazwi.

17. Bambuza uBharuki, besithi, Khawusixelele, ùtheni na ukuwabhala onke la mazwi ephuma emlonyeni wakhe?

18. Wathi uBharuki kubo, Wawathetha kum onke la mazwi aphuma emlonyeni wakhe, ndawabhala encwadini le ngeinki.

19. Bathi abathetheli kuBharuki, Hamba uye kuzímela, wena noYeremiya, kungàzi mntu apho nikhona.

20. Bangena ke kukumkani entendelezweni, beyibeke incwadi esongwayo egumbini likaElishama umbhali, bawaxela ezindlebeni zokumkani onke amazwi lawo.

21. Ukumkani wathuma uYehudi, ukuba ayithabathe incwadi esongwayo; wayithabatha ke egumbini likaElishama umbhali. UYehudi wayilesa ezindlebeni zokumkani, nasezindlebeni zabathetheli bonke abamele ngakukumkani.

22. Ke kaloku ukumkani wayehleli endlwini yasebusika ngenyanga yesithoba, kubasiwe elukhambeni phambi kwakhe.

23. Kwathi, xa uYehudi abelesé imiqolo emithathu nokuba miné, wayiqwenga ukumkani ngesitshetshe sombhali, wayiphosa emlilweni obuselukhambeni, yada yatsha yagqibela yonke incwadi esongwayo, emlilweni obuselukhambeni.

24. Àbankwantyanga, àbazikrazulanga iingubo zabo ukumkani nabakhonzi bakhe, ababeweva loo mazwi onke.

25. Noko ke bambongozayo ukumkani ooElinatan noDelaya noGemariya, ukuba angayitshisi incwadi esongwayo, àkabaphulaphula.

26. Ukumkani wabawisela umthetho ooYerameli unyana kakumkani, noSeraya unyana ka-Azeriyeli, noShelemiya unyana ka-Abhedeli, ukuba bambambe uBharuki umbhali noYeremiya umprofeti; uYehova wabazimeza.

27. Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, emveni kokuba ukumkani abeyitshisile incwadi esongwayo, namazwi abewabhalile uBharuki, ephuma emlonyeni kaYeremiya, lisithi,

28. Buya, uthabathe enye incwadi esongwayo, ubhale kuyo onke amazwi okuqala, abesencwadini esongwayo yokuqala, awayithisayo uYehoyakim ukumkani wakwaYuda.

Uyeremiya 36