Ukumkani wathuma uYehudi, ukuba ayithabathe incwadi esongwayo; wayithabatha ke egumbini likaElishama umbhali. UYehudi wayilesa ezindlebeni zokumkani, nasezindlebeni zabathetheli bonke abamele ngakukumkani.