30. Emva kwakhe kwakulungiswa nguHananiya unyana kaShelemiya, noHanun unyana wesithandathu kaTsalafi, esinye isithuba. Emva kwakhe kwakulungiswa nguMeshulam unyana kaBherekiya, malunga negumbi lakhe.
31. Emva kwakhe kwakulungiswa nguMalekiya, oweengcibi zegolide; kwesa kwindlu yabakhonzi betempile, neyabathengi, malunga nesango likaMifekadi, kwesa kwigumbi eliphezulu lembombo.
32. Phakathi kwegumbi eliphezulu lembombo nesango lempahla emfutshane, kwakulungiswa ziingcibi zegolide nabathengi.