7. Ngubani na ke kuni, enomkhonzi elima, mhlawumbi esalúsa, oya kuthi, akungena evela entsimini, athi kwaoko kuye, Yiza uhlale phantsi;
8. ongàyi kuthi kanye kuye, Lungisa into endiya kuyidla, uze ubhinqe, undilungiselele, ndide ndidle ndisele; wòthi emva koko udle usele nawe?
9. Angánombulelo kuloo mkhonzi yini na, ngokuba enze izinto azimiselweyo? Anditsho mna.
10. Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazenza zonke izinto enazimiselwayo, yithini, Singabakhonzi abangancedi lutho; ngokuba sanele ukwenza oko besimelwe kukuthi sikwenze.
11. Kwathi ekuhambeni kwakhe ukuya eYerusalem, wacanda phakathi kwelamaSamariya nelaseGalili yena.
12. Akubon' ukuba ungena mzini uthile, amhlangabeza amadoda alishumi eneqhenqa, amela mgama.
13. Wona aphakamisa ilizwi, esithi, Yesu, Mongameli, senzele inceba.
14. Ewabonile ke, wathi kuwo, Hambani niye kuzibonakalalisa kubabingeleli.Kwathi ekuyeni kwawo, ahlanjululwa.
15. Ithe ke enye kuwo apho, yakubona ukuba iphilisiwe, yabuya imzukisa uThixo ngezwi elikhulu.
16. Yawa ngobuso ezinyaweni zakhe, ibulela kuye; yaye yona ingumSamariya.
17. Waphendula ke uYesu wathi, Babengahlanjululwanga belishumi na? Baphi na ke abasithoba?
18. Akufumanekanga na babuyileyo, besiza kuzukisa uThixo, ngulo wolunye uhlanga yedwa na?
19. Wathi kuye, Vuka, uhambe; ukholo lwakho lukusindisile.
20. Ke kaloku, akubuzwa ngabaFarisi ukuba ubukumkani bukaThixo buya kufika nini na, wabaphendula wathi, Ubukumkani bukaThixo abufiki bunokulolongeka.
21. Kanjalo akuyi kuthiwa, Nabu apha! Nabuya phaya! Kuba, yabonani, ubukumkani bukaThixo bungaphakathi kwenu.
22. Wathi ke kubo abafundi, Kuya kufika mihla, niya kunqwenela ngayo ukuwubona noko umnye umhla woNyana woMntu, ningawuboni;
23. baya kuthi ke kuni, Nanku apha! Nankuya phaya! Musani ukuya, ningaphuthumi nokuphuthuma.
24. Kuba kwanjengokuba umbane ubaneka, uphuma kwelinye icala eliphantsi kwezulu, ukhanye usingise kwelinye eliphantsi kwezulu, uya kuba njalo noNyana woMntu ngomhla wakhe.