5. Athi ke akuyifumana, ayibeke emagxeni akhe, evuya.
6. Athi akufika ekhaya, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi kubo, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene imvu yam ebilahlekile.
7. Ndithi kuni, ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo emazulwini ngomoni eba mnye oguqukayo, kunamashumi asithoba anesithoba amalungisa, angaswele nguquko.
8. Kanjalo nguwuphi na umfazi eneedrarhima* zilishumi, ongethi, ukuba ithe yalahleka enye idrarhima, alumeke isibane, ayitshayele indlu, afune enyamekile, ade ayifumane?
9. Athi akuyifumana, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene idrarhima ebindilahlekile.
10. Ngokukwanjalo ndithi kuni, kubakho uvuyo emehlweni ezithunywa zikaThixo ngomoni eba mnye oguqukayo.
11. Ke kaloku wathi, Umntu othile ube enoonyana ababini.
12. Wathi omnci wabo kuyise, Bawo, ndÃnike isahlulo sempahla esilunge nam. Wababela imfuyo leyo.
13. Kuthe kungekabi ntsuku zininzi, wahlanganisa into yonke unyana omnci, wesuka kwelakowabo, waya ezweni elikude; wathi khona apho wayichitha impahla yakhe ngentlalo yokuzibhubhisa.
14. Akubon' ukuba udle konke, kwabakho indlala enzima kwelo zwe, waqala ukuswela naye.