Uisaya 44:7-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ngubani na oshumayela njengam — makaxele andicacisele — ethabathela ekumiseni kwam abantu basendaleni? Izinto ezizayo, neziza kubakho, mabazixele.

8. Musani ukunkwantya, ningajijitheki; andikuvisanga na kwanini, ndanixelela? Ningamangqina am. Kukho Thixo na, ingendim? Akukho liwa, andilazi mna.

9. Abayili bemifanekiso eqingqiweyo bonke bephela baluchuku, neento zabo ezinqwenelekayo azincedi nto; bona bangamangqina azo; ababoni, abazi, ukuze badane.

10. Ngubani na oyile uthixo, watyhida umfanekiso ongenakunceda nto?

11. Yabona, onke amadlelane awo aya kudana, neengcibi ezo zezasebantwini; mababuthelane bonke bephela, beme, bankwantye, badane kunye.

12. Ingcibi yesinyithi ilola inkxola, isebenza ngamalahle avuthayo, isiyila isithixo ngezando, isibenza ngengalo yayo enamandla; kanjalo iyalamba, ingabi namandla; ayiseli manzi, ityhafe.

Uisaya 44