16. Nkosi yam, babuya baphile zezo zinto abantu,Bukuzo kanye ubomi bomoya wam:Wòndiphilisa ke, ndídlise ubomi.
17. Yabona, baba lusindiso kum ubukrakra obukhulu.Wena ke ngokundithanda, wawurhola umphefumlo wam esihogweni sokonakala;Ngokuba izono zam uzilahlile emva komhlana wakho.
18. Kuba elabafileyo alinakukuncoma, ukufa akunakukudumisa;Abahla baye emhadini àbakulindele ukunyanisa kwakho.
19. Ophilileyo, ophilileyo nguye owokuncoma, njengam nje namhla.Uyise uya kukwazisa ukunyanisa kwakho koonyana.