3. Ngako oko baya kuba njengelifu lomso, nanjengombethe ophela kwakusasa, njengomququ ophetshethwa sisaqhwithi esandéni, nanjengomsi ophuma ngekroba.
4. Kanti mna ndinguYehova uThixo wakho, kwasezweni laseYiputa; akuyi kwazi thixo ungendim; akukho namnye umsindisi ngaphandle kwam.
5. Mna ndákwazi entlango, ezweni lasekubaleleni.
6. Bathi bakudliswa, bahlutha; bakuhlutha, yaphakama intliziyo yabo; ngenxa yoko bandilibele.
7. Ngoko ndaba njengengonyama kubo, ndabalalela njengengwe endleleni.
8. Ndothi gaga kubo njengebhere* ehluthwe amathole ayo, ndiwukrazùle umhlehlo wentliziyo yabo, ndibàdle khona njengengonyamakazi; amarhamncwa asendle aya kubadlavula.