Uhezekile 47:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wandibuyisela emnyango wayo indlu; nanko, kuphuma amanzi ngaphantsi kombundu womnyango wendlu leyo, esinga ngasempumalanga; ngokuba ubuso bayo indlu bebungasempumalanga. Amana esihla amanzi, evela ngaphantsi, ecaleni lokunene kwindlu leyo, ngasezantsi kwesibingelelo.

2. Waphuma nam ngendlela yesango langasentla, wandijikelezisa ngendlela engaphandle, wandísa esangweni elingaphandle, ngendlela yelibheké empumalanga; nango, amanzi equkuqela, evela ecaleni lokunene lesango.

3. Ekuphumeni komntu obephethe ulutya lokulinganisa ngesandla, esiya ngasempumalanga, walinganisa iwaka leekubhite;* wandiweza emanzini, amanzi abetha emaqatheni.

4. Walinganisa iwaka, wandiweza emanzini, amanzi abetha emadolweni. Walinganisa iwaka, wandiweza emanzini, amanzi abetha esinqeni.

5. Walinganisa iwaka, aba ngumlambo endingenakuwuwela; ngokuba amanzi ahamba phezulu, amanzi aba ngawokudadwa, umlambo ongenakuwelwa.

6. Wathi kum, Ubonile na, nyana womntu?Wandihambisa, wandibuyisa phezu kodini lomlambo lowo.

Uhezekile 47