Uhezekile 30:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

2. Nyana womntu, profeta uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Bhombolozani, nithi, Hayi ke, le mini!

3. Ngokuba ikufuphi le mini, ikufuphi imini kaYehova, imini yamafu; iya kuba lixesha leentlanga.

4. Ikrele liya kuyifikela iYiputa; kuya kubakho ukuzibhijabhija kwaKushi, ekuweni kwababuleweyo eYiputa, ithatyathwe intabalala yayo, zichithwe iziseko zayo.

5. AmaKushi, namaPuti, namaLudi, nomxukuxela wonke, namaKubhi, noonyana belizwe lomnqophiso, baya kuwa likrele ndawonye nayo.

6. Utsho uYehova ukuthi, Baya kuwa abaxhasi beYiputa, lihle iqhayiya lamandla ayo. Baya kuthabathela iMigidoli, base eSevene, besiwa likrele kuyo; itsho iNkosi uYehova.

7. KwelamaYiputa koba senkangala phakathi kwamazwe abharhileyo, nemizi yalo ibe phakathi kwemizi engamanxuwa;

8. bàzi ukuba ndinguYehova, ekufakeni kwam umlilo eYiputa, baphuke bonke abancedi balo.

9. Ngayo loo mini kuya kuphuma kum abathunywa ngeenqanawa, ukuze bothuse amaKushi akholosileyo, azibhijabhije ngokwawo njengasemini yeYiputa; ngokuba, uyabona, iyeza le nto.

Uhezekile 30