Ngayo loo mini kuya kuphuma kum abathunywa ngeenqanawa, ukuze bothuse amaKushi akholosileyo, azibhijabhije ngokwawo njengasemini yeYiputa; ngokuba, uyabona, iyeza le nto.