Udaniyeli 7:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngomnyaka wokuqala kaBheleshatsare ukumkani waseBhabheli, uDaniyeli wabona iphupha nemibono yentloko yakhe esililini sakhe. Waza walibhala iphupha, waxela isimbuku sezo zinto.

2. Wasusela uDaniyeli wathi, Ndabona embonweni wam ebusuku, nantso imimoya yominé yasezulwini, ityhobozela kulwandle olukhulu.

3. Kwenyuka elwandle amarhamncwa amakhulu kakhulu, engafani elinye nelinye.

4. Elokuqala libe linjengengonyama, linamaphiko okhozi; ndalibona, ada amaphiko alo axhwithwa, lafunqulwa emhlabeni, lamiswa ngeenyawo njengomntu, lanikwa intliziyo yomntu.

Udaniyeli 7