Udaniyeli 4:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UNebhukadenetsare ukumkani uthi kuzo zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi ezimiyo ehlabathini lonke: Malube lukhulu uxolo lwenu.

2. Imiqondiso nezimanga, azenzileyo kum uThixo Osenyangweni, kukholekile kum ukuba ndizixele.

3. Imiqondiso yakhe, hayi ukuba mikhulu kwayo! Izimanga zakhe, hayi ukuba namandla kwazo! Ubukumkani bakhe bubukumkani obungunaphakade, igunya lakhe likwizizukulwana ngezizukulwana.

4. Mna Nebhukadenetsare, bendichulumachile endlwini yam, ndenile ebhotweni lam.

5. Ndabona iphupha, landothusa; ndaneengcinga esililini sam, nemibono yentloko yam, eyandikhwankqisayo.

6. Ndawisa umthetho wokuthi, zonke izilumko zaseBhabheli maziziswe phambi kwam, ukuba zindazise ukutyhilwa kwephupha elo.

7. Zaza zeza izazi, nabakhwitsi, namaKaledi, namatola; ndabalawulela iphupha; ke abandazisanga ukutyhilwa kwalo.

8. Kwada ekupheleni kweza kum uDaniyeli, ogama linguBheletshatsare ngokwegama lothixo wam, onomoya woothixo abangcwele. Ndamlawulela iphupha, ndathi,

9. Bheletshatsare, mongameli wezazi, wena ndikwayizo ukuba unomoya woothixo abangcwele, akukho mfihlakalo ikukhohlayo; ndítyele imibono yephupha lam endilibonileyo, nokutyhilwa kwalo.

10. Imibono ke yentloko yam esililini sam nantsi: Ndabona, nango umthi usesazulwini sehlabathi; ukuphakama kwawo bekukukhulu.

11. Wakhula umthi, womelela; ukuphakama kwawo kwafikelela ezulwini, nokubonakala kwawo ekupheleni kwehlabathi lonke.

12. Amagqabi awo abemahle, neziqhamo zawo bezizininzi; ubunokudla okwanele iinto zonke. Amarhamncwa asendle abenomthunzi phantsi kwawo, iintaka zezulu zahlala emasebeni awo, yadla kuwo yonke inyama.

Udaniyeli 4