Udaniyeli 12:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngelo xesha uya kusuka eme uMikayeli,* umthetheli omkhulu, omela oonyana babantu bakowenu. Kuya kubakho ixesha lembandezelo elingazanga libekho elinjalo, kususela koko lwabakhoyo uhlanga, kude kube nangelo xesha. Ngelo xesha baya kusinda abantu bakowenu, bonke abafunyenwe bebhaliwe encwadini.

2. Kuya kuvuka abaninzi kwabaleleyo eluthulini lomhlaba, aba baye ebomini obungunaphakade, naba baye kwingcikivo nakwinyumnyezi engunaphakade.

3. Abo ke banengqiqo baya kukhazimla njengokukhazimla kwesibhakabhaka; nababajikela abaninzi ebulungiseni bakhazimle njengeenkwenkwezi ngonaphakade kanaphakade.

Udaniyeli 12