Udaniyeli 1:4-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. abantwana abangenasiphako, abanomkhitha, ababuqiqileyo ubulumko bonke, abanokwazi, abanokuyiqonda bayazi into, abafanele ukuma ebhotweni lokumkani; abafùndise incwadi nolwimi lwamaKaledi.

5. Ukumkani wabamisela umamkeliso wemini ngangemini yawo, ekudleni kokumkani nasewayinini ayiselayo, ukuze bondliwe iminyaka emithathu; bathi ekupheleni kwayo beme phambi kokumkani.

6. Ke phakathi kwabo abo kwaye kukho abakoonyana bakaYuda, inguDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya.

7. Umthetheli-mathenwa wabathiya amagama; uDaniyeli wamthiya elokuba nguBheletshatsare, uHananiya elokuba nguShadraki, uMishayeli elokuba nguMeshaki, uAzariya elokuba nguAbhede-nego.

8. Ke kaloku, uDaniyeli wayegqibe entliziyweni yakhe, ukuba angàzingcolisi ngokudla kokumkani nangewayini ayiselayo; wacela kumthetheli-mathenwa ukuba angàzingcolisi.

9. UThixo wenza uDaniyeli ukuba afumane inceba nemfesane phambi komthetheli-mathenwa.

10. Umthetheli-mathenwa wathi kuDaniyeli, Ndiyayoyika inkosi yam ukumkani, omise eniya kukudla neniya kukusela; yini na ukuba abubone ubuso benu buthe matshamatsha kunobabayá baziintanga zenu? Noyizekisa ityala intloko yam kukumkani.

11. Wathi uDaniyeli kwinjoli, abethe umthetheli-mathenwa wayimisa phezu koDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya,

12. Khawubalinge abakhonzi bakho iintsuku ezilishumi, sinikwe sidle imifuno, sisele namanzi;

13. kukhangelwe phambi kwakho ukubonakala kwethu, nokubonakala kwabantwana abadla ukudla kokumkani; wenze ke kubakhonzi bakho njengoko uboné ngako.

Udaniyeli 1