11. nakuba abantwana babengekazalwa, bengekenzi nto nelungileyo nembi, ukuze ingqibo kaThixo ngokonyulo ihlale ihleli, ingengokwasemisebenzini, ingokwalowo ubizayo:
12. kwathiwa kuye, Omkhulu uya kukhonza komnci;
13. njengokuba kubhaliwe kwathiwa,UYakobi ndamthanda, ke uEsawu ndamthiya.(UMal. 1:2,3)
14. Síthini na ke ngoko? Kukho ukuswela kulungisa kusini na kuye uThixo?
15. Nakanye! Kuba esithi kuMoses, Ndiya kuba nenceba kosukuba ndinenceba kuye, ndibe netarhu kosukuba ndinetarhu kuye.
16. Ngoko ke asikokothandayo, kanjalo asikokobalekayo; kokukaThixo onenceba.
17. Kuba isibhalo sithi kuFaro, Ndakúvelisela yona le nto, yokuba ndiwabonakalalisele kuwe amandla am, nokuthi laziswe igama lam kulo lonke ihlabathi.
18. Ngoko ke únenceba kwathanda ukumenzela inceba, athi ke athandayo amenze lukhuni.
19. Ùya kuthi kum ngoko, Úsasolelani na ke? Kuba ngubani na omelana necebo lakhe?
20. Ehla ke, mntundini! Ùngubani na wena, ukuba uphendulane noThixo? Into exonxiweyo ingátsho na kumxonxi wayo ukuthi, Yini na ukuba undenjenje ukundenza?
21. Khona akanagunya na umbumbi wodongwe ukwenza, ngadongwe lwambumba-nye, esinye isitya sibe sesembeko, nesinye sibe sesingesambeko?
22. Hi, ukuba ke uThixo, ethanda ukubonakalalisa ingqumbo yakhe, nokwazisa amandla akhe, wathwala enokuzeka kade okukhulu izitya zengqumbo, zilungiselwe intshabalalo;
23. ukuze abazise ubutyebi bozuko lwakhe ezityeni zenceba, abezilungisele uzuko ngenxa engaphambili;
24. ezi wazibizayo, kwathina aba, kungekuwo amaYuda odwa, kukwiintlanga nazo?
25. Njengokuba esithi nakwekaHoseya,Ndiya kubabiza abangebantu bam ngokuba ngabantu bam;Nongathandiweyo, ngokuba ngothandiweyo.(UHos. 2:23)
26. Kwakuya kuthi, apho kwabe kusithiwa kubo,Aningabantu bam nina,Babizwe apho ngokuthi, Ningoonyana bakaThixo ophilileyo.(UHos. 1:10)
27. Ke uIsaya udanduluka ngoSirayeli, esithi, Nangona inani loonyana bakaSirayeli lingangentlabathi yaselwandle, ngamasalela odwa aya kusindiswa (uIsaya 10:22);
28. kuba elifeza ilizwi, aligqibe ngobulungisa; ngokuba iNkosi iya kwenza ilizwi layo phezu komhlaba, ilifinyeze.
29. Kwanjengokuba uIsaya ebetshilo ngenxa engaphambili ukuthi,Ukuba iNkosi yemikhosi ibingasishiyelanga mbewu,Ngesibe saba njengeSodom, ngesibe senziwa safana neGomora.(UIsaya 1:9)